“Listening is a skill” unknown. This could help young relationships to mature in discussing and resolving their matters without having to fight before.

Date of Article: 12/11/2008

Kukuthini ukumamela ngenyameko nokungamameli .

Ikhona intetho evamileyo ethi uThixo wadala umlomo wanye, ukunye nendlebe ezimbini. Isizathu soku sesokuba abantu mabamamele kuqala, bamamele ngaphezulu kunokuba bethetha.

Abantu abaninzi ngamayilo okuthetha kuba bacinga ukuba banganako ukuthetha ngaphandle kokumamela kuqala. Oku kufana twatse nokuba awunakuze ubhale ungakwazi ukufunda.

Awunakuze ukwazi ukuthetha ungakwazi ukumamela. Ngelishwa abantu abangakwazi kumamela bathetha kakhulu. Kuqala ufanele ukuba ube lichule lokumamela phambi kokuba ube lichule lokuthetha.

Ukumamela /ukuphulaphula kukulinda.

Ukumamela kukulinda oko kuthethwayo ngulowo ukuthethayo ade abe ugqibile, yaye kubalulekile ukuba umbonise ukuba ummamele, awumameli nje ngendlebe zodwa kodwa ngengqondo ngamehlo nangentliziyo.

Ukwenza enye into xa omnye umntu ethetha, mhlayimbi ukumamela I TV nokuba yi Radio oko kubonisa okuba awumamelanga, kungenjalo lonto ayithethayo awuyinanzanga.

Kukho umehluko omkhulu phakathi kukova nokumamela; xa umntu ethetha; ndingabe ndiyamva, kodwa lonto ayithethi ukuba umamele, ukumamela kukuphulaphula de ubonise ngokuvuma nokunqwala ukubonisa ukuba uhamba nayo lento ithethwayo.

Ukubonisa ukuba uyayiva lento ithethwayo akuthethi ukuba uhambisana kunye nayo; koko kuthi lomntu uthethayo uyamva kunjalo nje uyaluhlonipha uluvo lwakhe nokuba awuhambisani nalo kangakananina.

Kusisidina esichaphukisayo kakhulu ukuthetha nomntu abe yena ebonisa impawu zokuba akakunandzanga kwaphela oku ukuthethayo. Kube kubi kakhulu ke xa logama uthethayo abe ekungena emlonyeni ekuqhawula kuba engenawo umonde wokukulinda ude ube ukuqukumbele oko ubufuna ukukuthetha.

Ukuthetha kuliyeza, kuyaphilisa kodwa ukumamela umntu, xa ethetha kububuntu, nokuhlonipha wena nalowo uthetha kunye naye. Abanye abantu xa bethetha, baphakamisa amazwi bebangxolela abo bathetha kunye nabo besemisindweni, kodwa ukungxola nokuphakamisa ilizwi akucacisi ngcono oko ukutshoyo.

Kodwa kubonisa ukuba awunalo ulawulo olupheleleyo kuwe, olusenokuveza nesimilo esitenxileyo. Umsindo, ukukhwaza awukuniki mazwi okucacisa oko ufuna ukukutsho ngendlela ephucukileyo (do not shout, just improve your argument) Okubalulekileyo ungakuthetha oko ufuna ukukuthetha nokuba ilizwi lakho liphantsi; yaye oko kukona kulungileyo.

Abantu abaninzi bacinga ukuba xa bephakamisa ilizwi bethethela phezulu, bethukisa oko kuzakwenza ukuba oko bakutshono kungene ngokukhawuleza kwabo bathetha kunye nabo. Kanti liphutha elikhulu elo. Koko oko kusuka kukwenze utsho izinto ezizintloni eziphuma engqondweni zingacolekanga entliziyweni.

Kuba xa ulwimi lungxama kakhulu ngaphezulu kwengqondo ukuthetha, uzakuthetha izinto ongazicinganga; yiba nombono ke ukutsho izinto ongazicinganga usemsindweni ongaluwulekiyo.

Xa umamela, akutsho ukuthi xa omnye umntu ethetha wena yakha amanqaku ozakuthi xa ufumene elakho ithuba lokuthetha usebenzise wona ukuhlasela, nokubonisa ukuba lowo uthetha naye akakwazi kucacisa inyaniso.

Ukuthetha kukubeka lomeko ingasivaniso ngenjongo yokuba sihlasele yona; hayi ukuba sihlaselane thina, kuba thina asiyiyo kwaphela ingxaki, ingxaki yile sithetha ngayo ukuba nayo iyiyo.

Abantu abangamachule okumamela bade bamamele noko kungathethwanga bekuva kwabo bathethayo. Eliphutha lokungakwazi ukumamela lenza ukuba sithathe iziqgibo ezigwenxa sincame nezinto ezibalulekileyo ebomini bethu ngenxa yokuswela ukumamela.

Amadoda oyiswa kukumamela abafazi endaweni yoko kusuka kuliwe ngamazwi, ngokunjalo nakubo abafazi. Abazali bayasilela ukumamela/baphulaphule abantwana babo. Ingxaki enkulu kumakhaya ethu kukuswela ukuphulaphula, maxa wambi abanye abantu bade bathathe isigqibo esiyingozi besithatha bengevanga ukuba kuthiwanina, ngenxa yokuswela ukuphulaphula.

Abantu baxabana ngenxa yokuba abakwazi ukunikana ithuba lokuba bamamelane, banikane ithuba ngentlonipho nembeko. Ukutsibelana emqaleni maxa wonke xa kuthetha kuyawacutha amathuba okuthetha, nokuthembakala ngendlela esiziva ngayo.

Yaye inye indlela yokulungisana kukumamelana nokuthetha. Lowo uthethayo makathethe ngesimilo engasebenzisi magama ahlabayo komnye. Ukuthethathana kutkuhi uthini wena; mna ndiva ndibona ngoluhlobo kulomba; masihlangange ndaweni ithile kulomba ndiwubekayo, kodwa mandive uluvo lwakho kuqala.

Mzukisi Faleni


loading...